2 Corinthians 8:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa, njengokuba nikolisa ukwanda ezintweni zonke, elukolweni, naselizwini, nasekwazini, nakulo lwonke uku̔talo, naselutandweni lwenu kuti, lumkani ukuba nikolise ukwanda nakulo olufefe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke, kwanjengokuba niphuphuma iinto zonke, ukholo, nokuthetha, nokwazi, nokunyameka konke, nokusithanda kwenu, maniphuphume nakulo olu lubabalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke, kwanjengokuba niphuphuma iinto zonke, ukholo, nokuthetha, nokwazi, nokunyameka konke, nokusithanda kwenu, maniphuphume nakulo olu lubabalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Niphuphuma izinto zonke: ukholo, ukuthetha, nolwazi, ngolangazelelo eninalo lokunceda, kwanothando enisithanda ngalo. Ngoko ke ndingavuya xa ninokubonakalisa izinwe zenu kweli phulo lothando.