2 Corinthians 8:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba nilwazi ufefe lwenkosi yetu u‐Yesu Kristu, ukuba wati, nangona ebebutyebi, waba buhlwempu ngenxa yenu, ukuze nina ngobuhlwempu bake nibe butyebi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kuba niyalwazi ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu, okokuba yathi, ibisisityebi nje, yaba lihlwempu ngenxa yenu, ukuze nina nibe zizityebi ngobuhlwempu bayo obo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba niyalwazi ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu, okokuba yathi, ibisisityebi nje, yaba lihlwempu ngenxa yenu, ukuze nina nibe zizityebi ngobuhlwempu bayo obo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku niyasazi isisa seNkosi yethu uYesu Krestu; nangona wayesisityebi, kodwa wazenza ihlwempu ngenxa yenu, ukuze nina nibe zizityebi ngobuhlwempu bakhe.