2 Corinthians 9:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba ndisazi unxamelo lwenu, endiqa̔yisayo pezu kwenu ngalo kwabase‐Masedoniya, ukuba i‐Akaiya seilungile nyakenye; kanjalo uzondelelo lwenu lwavusa into eninzi yabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba ndiyakwazi ukuthumekelela kwenu, endiqhayisa ngako ngani kwabelaseMakedoni, ndisithi elaseAkaya beliselilunge kwanyakenye; nokuzondelela kwenu kwaxhokonxa abona baninzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ndiyakwazi ukuthumekelela kwenu, endiqhayisa ngako ngani kwabelaseMakedoni, ndisithi elaseAkaya beliselilunge kwanyakenye; nokuzondelela kwenu kwaxhokonxa abaninzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngangokuwazi kwam umdla eninawo sendide ndaqhayisa nokuqhayisa ngani kubantu baseMakedoni, ndisithi nina ma-Akaya naniseniwulungele kwakunyaka ophelileyo lo mbandela. Umdla wenu ke uvuselele abantu abaninzi.