2 Corinthians 9:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa nditumile abazalwana aba, ukuze ukuqa̔yisa kwetu pezu kwenu kungenziwa into engento yanto kuyo lendawo; ukuze ke, njengokuba bendisitsho, nibe senilungile:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku ndithume abazalwana, ukuze iqhayiya lethu elingani lingalanjathiswa ngale ndawo; ukuze nithi, njengokuba benditshilo, nibe senilungile;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku ndithume abazalwana, ukuze iqhayiya lethu ngani lingalanjathiswa ngale ndawo; ukuze nithi, njengokuba benditshilo, nibe senilungile;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndithumela loo makholwa kuni ngoku, khon' ukuze kungabi ngathi ndandithetha nje xa ndandiqhayisa ngani mayela nalo mcimbi. Njengokuba sendiqhayisile nje ke, bekungakuhle ukuba bafike senilungile.