2 Corinthians 9:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndati ngoko ndaba kufanelekile ukuyala abazalwana aba, ukuba bandulele ukuya kuni, balungise pambili into yesisa senu ebishunyayelwe pambili, ukuba yona le ibe ilungile, kube njengokuba iyinto yesisa, kungabi njengokungati yinto yokuvimba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko ndaba kuyafuneka ukubavuselela abazalwana, ukuba basandulele ukuya kuni, bayilungise ngaphambili intsikelelo yenu ebiselixeliwe ngaphambili; ilunge yona ngohlobo lwentsikelelo, ingangi yeyokuvimba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke ndibe kuyafuneka ukubavuselela abazalwana, ukuba baqale beze kuni, bayilungise ngaphambili isisa senu, enisixelelwe ngenxa engaphambili, ukuze sibe silungile, sibe sinjengesibabalo, singabi sesokubawa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kungoko ke ndithe la makholwa makabe ehamba kuqala, ukuza kukhangela ukuba senisilungisile na isipho enathembisa ngaso, khon' ukuze ke mna ndifike sesilungile, singumnikelo wenu wesisa, ingekuko kuba ninyanzelwa.