2 John 1:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndinazo izinto ezininzi nje zokuniba̔lela, bendingafuni ukunga ndinga ba̔la ngepepa neyinke: koko nditemba ukuza kuni, nokuteta umlomo ngakuwo umlomo, ukuze uvuyo lwetu lube luzalisekile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndinezinto ezininzi nje zokunibhalela, andingi ndingazibhala ngaphepha nangainki; ndithembe ukuza kuni, sithethe ngomlomo, ukuze uvuyo lwethu luzaliseke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndinezinto ezininzi nje zokunibhalela, andingi ndinibhalele ngaphepha nangainki; koko ndithembe ukuza kuni, sithethe ngomlomo, ukuze uvuyo lwethu luzaliseke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nakuba ndinento eninzi ebendingayithethayo kuwe, andithandanga ukuyibhala. Kaloku ndinethemba lokunityelela. Ndiyabona ke ukuba sesothetha ngoko sonwabile.