2 Kings 1:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa wapendula u‐Elija, wati kuyo inkosi yamashumi mahlanu: Ukuba ke ndiyindoda katixo mna, mauhle umlilo ezulwini, udle wena namashumi mahlanu ako. Waza wehla umlilo ezulwini, wadla yona namashumi mahlanu ayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula uEliya, wathi kumthetheli-mashumi-mahlanu, Ukuba ke mna ndingumfo wakwaThixo, makuhle umlilo ezulwini, ukudle wena namashumi omahlanu akho. Kwehla ke umlilo ezulwini, wamdla yena namashumi omahlanu akhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula uEliya, wathi kumthetheli-mashumi-mahlanu, Ukuba ke ndingumfo wakwaThixo, makuhle umlilo ezulwini, ukutshise wena namashumi omahlanu akho. Kwehla umlilo ezulwini, wamtshisa yena namashumi omahlanu akhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UEliya waphendula wathi kwelo gosa lomkhosi: “Ukuba ke ndingumfo wakwaThixo, ngamana kwehla umlilo ezulwini, ukutshise ndawonye nala madoda akho angamashumi amahlanu!” Kwehla umlilo ezulwini, walitshisa elo gosa ndawonye naloo madoda alo angamashumi amahlanu.