2 Kings 1:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wapendula u‐Elija wati kubo: Ukuba ndiyindoda katixo mna, mauhle umlilo ezulwini, udle wena namashumi mahlanu ako. Wandula wehla umlilo ezulwini, wadla yona namashumi mahlanu ayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula uEliya, wathi kubo, Ukuba ke ndingumfo wakwaThixo, makuhle umlilo ezulwini, ukudle wena namashumi omahlanu akho. Wehla ke umlilo kaThixo ezulwini, wamdla yena namashumi omahlanu akhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula uEliya, wathi kubo, Ukuba ke ndingumfo wakwaThixo, makuhle umlilo ezulwini, ukutshise wena namashumi omahlanu akho. Wehla umlilo kaThixo ezulwini, wamtshisa yena namashumi omahlanu akhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UEliya waphendula wathi: “Ukuba ke ndingumfo wakwaThixo, ngamana kwehla umlilo ezulwini, ukutshise ndawonye nala madoda akho angamashumi amahlanu!” Kwehla umlilo ezulwini, uvela kuThixo, walitshisa elo gosa ndawonye naloo madoda alo angamashumi amahlanu.