2 Kings 1:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wabuya watuma kanjalo inkosi yawesitatu amashumi mahlanu inamashumi mahlanu ayo. Yayinyuka eyesitatu inkosi yamashumi mahlanu, yeza yaguqa ngamadolo ayo pambi kwo‐Elija, yamtaṙuzisa, yati kuye: Wena ndoda katixo! makebube ubomi bam, nobomi bezicaka zako, balamashumi mahlanu, bunqabile emehlweni ako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuya wathuma owesithathu umthetheli-mashumi-mahlanu, enamashumi omahlanu akhe. Wenyuka ke owesithathu umthetheli-mashumi-mahlanu, waguqa ngamadolo phambi koEliya, watarhuzisa kuye, wathi kuye, Mfo wakwaThixo, mawunqabe emehlweni akho umphefumlo wam, nomphefumlo wabakhonzi bakho abamashumi mahlanu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphinda wathuma nowesithathu umthetheli-mashumi-mahlanu, enamashumi omahlanu akhe. Wenyuka ke owesithathu umthetheli-mashumi-mahlanu, waguqa ngamadolo phambi koEliya, wathandaza kuye, wathi kuye, Camagu, mfo wakwaThixo, wusindise umphefumlo wam, nomphefumlo waba bakhonzi bakho bamashumi mahlanu! zixabiseke emehlweni akho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwakhona ukumkani wathumela elesithathu igosa lomkhosi, lihamba namadoda alo angamashumi amahlanu. Eli ke lona igosa lathi lakufika kuEliya laguqa phambi kwakhe, lambongoza lathi: “Mfo wakwaThixo, ndiyakubongoza, yiba nenceba uvelane nam ngenxa yobomi bam nobu bala madoda angamashumi amahlanu, ezi zicaka zakho.