2 Kings 1:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wada wafa, njengelizwi likayehova, elo wabelitetile u‐Elija: waza u‐Yehorame waba ngukumkani esikundleni sake, ngomnyaka wesibini ka‐Yehorame unyana ka‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda; ngokuba yena ebengenaye unyana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wafa ke ngokwelizwi likaYehova elathethwa nguEliya.UYehoram waba ngukumkani esikhundleni sakhe, ngomnyaka wesibini kaYehoram unyana kaYehoshafati, ukumkani wakwaYuda; ngokuba yena ebengenanyana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wafa ngokwelizwi likaYehova elathethwa nguEliya. Waba ngukumkani uYoram esikhundleni sakhe, ngomnyaka wesibini kaYoram unyana kaYehoshafati, ukumkani wakwaYuda; ngokuba ebengenanyana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenene ke wafa uAhaziya ngokwelizwi likaNdikhoyo elathethwa nguEliya. Ke kaloku uAhaziya lo wayengenanyana, ngoko ke kwangena uYoram endaweni yakhe waba ngukumkani wakwaSirayeli kunyaka wesibini kaYehoram unyana kaYoshafati ukumkani wakwaJuda.