2 Kings 1:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Ahaziya weyela ngesetyenzwa elipanjanisiweyo enkambilini yake yapezulu ebise‐Samariya, wabesifa; waza watuma izigidimi, wati kuzo: Hambani, nibuze ku‐Bali‐zebube utixo we‐Hekrone, ukuba ndiya kupila kwesisifo kusinina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAhaziya wawa efestileni yegumbi: lakhe eliphezulu elikwaSamari, wahliwa kukufa ke; wathuma abathunywa, wathi kubo, Hambani niye kubuzisa kuBhahali-zebhubhi, uthixo wase-Ekron, ukuba ndiya kuphila na kwesi sifo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAhaziya wawa efestileni yegumbi lakhe eliphezulu kwaSamari, wahliwa kukufa; wathuma abathunywa, wathi kubo, Hambani niye kubuzisa kuBhahali-zebhubhi, uthixo wase-Ekron, ukuba ndiya kuphila na kwesi sifo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena uAhaziya wawa efestileni yegumbi eliphezulu lendlu yakhe eSamariya, waza wenzakala. Ngoko ke wathuma abathunywa, esithi kubo: “Hambani niye kubuzisa kuBhali-zabhubhe, uthixo wase-Ekron, ukuba ngaba ndophila na kule ngozi indihleleyo.”