2 Kings 1:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ingelosi kayehova yateta ku‐Elija um‐Tishebi, isiti: Suka, unyuke ukuya kukaulela izigidimi zokumkani we‐Samariya, uti kuzo: Kungokuba kungeko utixo kwa‐Sirayeli na, nihamba ukuya kubuza ku‐Bali‐zebube utixo we‐Hekrone?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke isithunywa sikaYehova sasithethile kuEliya waseTishbhi, sathi, Suka, unyuke uye kukhawulela abathunywa bokumkani wakwaSamari, uthethe kubo, uthi, Kungokuba kungekho Thixo kwaSirayeli na, le nto niya kubuzisa kuBhahali-zebhubhi, uthixo wase-Ekron?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Sathi isithunywa sikaYehova kuEliya waseTishbha, Hamba uye kukhawulela abathunywa bokumkani wakwaSamari, uthethe kubo, uthi, Kungokuba kungekho Thixo kwaSirayeli na, ukuya kubuzisa kuBhahali-zebhule uthixo wase-Ekron?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke isithunywa *sikaNdikhoyo sathetha noEliya waseTishbhi, sathi: “Hamba uhlangabeze abaya bathunywa bokumkani waseSamariya, uthi kubo: ‘Ngaba kungenxa yokuba engekho na uThixo kwaSirayeli le nto niya kubuzisa kuBhali-zabhube isithixo sase-Ekron?’