2 Kings 1:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula ukumkani watuma kuye inkosi yamashumi mahlanu inamashumi mahlanu ayo. Yaza yenyukela kuye; ngokuba, bona ke, ebehleli pezu kwengcopo yentaba; yateta kuye, esiti: Wena ndoda katixo! uti ukumkani: Yihla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani wathumela kuye umthetheli-mashumi-mahlanu, enamashumi omahlanu akhe. Wenyuka weza kuye; nanko ke ehleli encotsheni yentaba. Wathetha kuye wathi, Mfo wakwaThixo, uthe ukumkani, Yihla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani wathumela kuye umthetheli-mashumi-mahlanu, enamashumi omahlanu akhe. Wenyuka waya kuye, wambona ehleli encotsheni yenduli; Wathi kuye, Mfo wakwaThixo, uthe ukumkani, Yihla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke wathumela apho kuEliya igosa lomkhosi, likunye namadoda alo angamashumi amahlanu. Elo gosa ke laya kuEliya, ehleli encotsheni yenduli, lafika lathi kuye: “Mfo wakwaThixo, ukumkani uthi: ‘Yihla.’ ”