2 Kings 10:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WAYE u‐Ahabi ebenonyana abangamashumi asixe̔nxe e‐Samariya. Waza u‐Jehu waba̔la incwadi, watumela e‐Samariya, kwinkosana zase‐Yezerele, kwabadala, nakwabondli babantwana baka‐Ahabi, esiti:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waye uAhabhi enoonyana abamashumi asixhenxe kwaSamari.Wabhala incwadi uYehu, wathumela kwaSamari kubathetheli baseYizereli, kumadoda amakhulu, nakubondli bentsapho ka-Ahabhi, wathi,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAhabhi ubenoonyana abamashumi asixhenxe kwaSamari. uYehu wabhala iincwadi, wazithumela kwaSamari kubathetheli baseYizereli, nakumadoda amakhulu, nakubanyusi baka-Ahabhi, wathi,
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku eSamariya kwakukho amashumi asixhenxe oonyana bendlu ka-Ahabhi. Ke uYehu wabhala iileta, wazithumela eSamariya kumaphakathi aseYizereli, nakumadoda amakhulu, nakubagcini babantwana baka-Ahabhi. Zazisithi: