2 Kings 10:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Jehu wabulala bonke abaseleyo kwindlu ka‐Ahabi e‐Yezerele, nabo bonke abakulu bake, nabazane bake, nabaperisite bake, wada akamshiyela namnye oseleyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehu wababulala bonke abaseleyo bendlu ka-Ahabhi eYizereli, nezikhulu zakhe zonke, nabazana naye, nababingeleli bakhe, kwada akwasala kuye namnye usindileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehu wayibulala yonke enye indlu ka-Ahabhi uYizereli, nabalungiseleli bakhe bonke, nomzalwane wakhe, nababingeleli bakhe, kwada akwamshiya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uYehu wabulala wonke umntu apho eYizereli owayesasele engowendlu ka-Ahabhi, kananjalo nezibonda zakhe, izihlobo nababingeleli bakhe, akashiya nempunde le.