2 Kings 10:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
u‐Jehu wafumanana nabazalwana baka‐Ahaziya ukumkani wo‐Juda, wati: Ningobanina? Baye besiti: Tina singabazalwana baka‐Ahaziya; sasihlile ukuza kubulisa onyana bokumkani nonyana bokumkanikazi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wafumanana nabazalwana baka-Ahaziya, ukumkani wakwaYuda, wathi, Ningoobani na nina? Bathi, Singabazalwana baka-Ahaziya;siyehla, siya kubulisa oonyana bokumkani noonyana benkosikazi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehu waqubisana nabazalwana bakhe uAhaziya, ukumkani wakwaYuda, wathi, Ningoobani na nina? Aphendula athi, Singabazalwana baka-Ahaziya; siyehla siye kuthi ndlela-ntle kubantwana bokumkani nakubantwana benkosikazi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wadibana nezizalwana zikakumkani uAhaziya wakwaJuda, wabuza wathi: “Ningoobani?” Zaphendula zathi: “Sizizizalwana zika-Ahaziya. Size kubona indlu kakumkani kunye nonina wekumkanikazi.”