2 Kings 10:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wand’ ukuti: Babambeni behleli. Baza bababamba behleli, bababulala ngasemnxunyeni wase‐Bete‐hekede, bengamadoda angamashumi mane anesibini; akasalisa namnye kubo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Babambeni behleli. Bababamba behleli, babasika ngasemhadini wendlu yokucheba; babengamadoda angamashumi omane anamabini; akasalisa mntu kubo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Babambeni besadla ubomi; Bababamba behleli, bababulala emhadini womchebi, amadoda amashumi mane anamabini; akashiya namnye kubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza wathi: “Babambeni besaphila!” Bababamba ke, bababulala ngakwiqula laseBhete-ekedi. Yayingamashumi amane amadoda; akasindisanga nalo mnye umntu.