2 Kings 10:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa abemkile kona, wafumanana no‐Yehonadabi, unyana ka‐Rekabe, esiza ukumkaulela; waza wambulisa, wati kuye: Intliziyo yako ilungelelene na, njengokuba intliziyo yam ilungelelene nentliziyo yako? Wayesiti u‐Yehonadabi: Injalo. Ukuba injalo, ndinike isandla sako. Wanika ke isandla sake; waza wamnyukisela kuye enqwelwaneni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe akunduluka khona, wafumanana noYehonadabhi unyana kaRekabhi, emkhawulela; wambulisa, wathi kuye, Ithe tye na intliziyo yakho, njengokuba injalo intliziyo yam kwintliziyo yakho? Wathi uYehonadabhi, Injalo. Wathi, Ukuba injalo ke, ethe isandla sakho. Wamnika isandla sakhe. Wamnyusa wamkhwelisa enqwelweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wemka khona, wamtshisa uYonadabhi, unyana kaRekabhi, obeze kumkhawulela; wambulisa wathi kuye: Ithe tye na intliziyo yakho, njengokuba injalo intliziyo yam entliziyweni yakho? Waphendula uYonadabhi, wathi, Injalo. Ukuba kunjalo, ndinike isandla sakho. Wamnika ke isandla sakhe; wamsa kuye ngemoto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akudlula apho wadibana noYonadabhi unyana kaRekabhi owayehlangabeza yena. UYehu wambulisa wathi: “Ngaba nawe ungakum kwanjengokuba nam ndingakuwe?” UYonadabhi waphendula wathi: “Ewe, kunjalo.” UYehu wathi: “Xa kunjalo, ethe isandla.” Wenjenjalo ke, waza ke uYehu wamkhwelisa apho enqwelweni yakhe.