2 Kings 10:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku, bizani bonke abaprofite baka‐Bali, zonke izicaka zake, nabo bonke abaperisite bake, beze kum; makungabiko namnye ongekoyo: ngokuba ndinombingo omkulu wokwenze lwa u‐Bali; osukuba eya kuba engeko, akayi kudla ubomi. Kodwa u‐Jehu wenza ngobuqinga, ukuze ababubise abakonzi baka‐Bali.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ngoko babizeleni kum abaprofeti bakaBhahali bonke, abakhonzi bakhe bonke, nababingeleli bakhe bonke. Makungabikho mntu ungekhoyo; ngokuba ndinombingelelo omkhulu kuBhahali.Bonke abathe ababakho, abayi kudla bomi. UYehu waye esenza le nto ebalalanisa, ukuze abatshabalalise abakhonzi bakaBhahali.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Babizeni ngoko bonke abaprofeti bakaBhahali, abakhonzi bakhe bonke, nababingeleli bakhe bonke. Makungabikho mfuneko, ngokuba ndinombingelelo omkhulu kuBhahali; lowo usweleyo akayi kuphila. uYehu wenza loo nto ngobuqhokolo, ukuze abatshabalalise abakhonzi bakaBhahali.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Babizeni bonke abashumayeli bakaBhali, abanquli bakhe, ndawonye nababingeleli bakhe. Makungasali namnye, kuba ndiza kumenzela idini elikhulu uBhali. Umntu othe akeza akayi kudla bomi.” Kambe ke uYehu wayesenza iqhinga lokutshabalalisa bonke abanquli bakaBhali.