2 Kings 10:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Jehu kanjalo watuma pakati kwe‐Sirayeli yonke; bandula beza bonke abakonzi baka‐Bali, kwada akwasala namnye obengezi: baye besiza endlwini ka‐Bali, ukuba indlu ka‐Bali ibizele kwa kwenye incam kwada kwakwenye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehu wathumela kumaSirayeli onke; beza bonke abakhonzi bakaBhahali, kwada akwasala namnye ungezanga. Bangena endlwini kaBhahali, bayizalisa indlu kaBhahali, kwathabathela kwelinye icala kwesa kwelinye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehu wathumela ilizwi kuSirayeli wonke, beza bonke abakhonzi bakaBhahali, akwasala namnye ungezanga. Bangena endlwini kaBhahali; yazala indlu kaBhahali, kwathabathela kwelinye icala kwesa kwelinye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza ke wathumela umyalezo kuSirayeli ephela, nakubo bonke abanqula uBhali, ukuze bangaphoswa. Ewe, beza xa bebonke. Baqokelelana ke apho esibingelelweni sikaBhali, satsho sazala sema ngeembambo.