2 Kings 10:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wangena u‐Jehu, no‐Yehonadabi unyana ka‐Rekabe, endlwini ka‐Bali, wati kubo abakonzi baka‐Bali: Pengululani, nibone ukuba kungabiko apa nani namnye wabakonzi bakayehova, kubeko abakonzi baka‐Bali bodwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wangena uYehu noYehonadabhi, unyana kaRekabhi, endlwini kaBhahali, wathi kubakhonzi bakaBhahali, Funisisani nikhangele, hleze kubekho kuni apha omnye wakubakhonzi bakaYehova; mayibe ngabakhonzi bakaBhahali bodwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wangena uYehu noYonadabhi, unyana kaRekabhi, endlwini kaBhahali, wathi kubakhonzi bakaBhahali, Quqelani nikhangele ukuba akukho bakhonzi bakaYehova na apha kuni, ingengabakhonzi bakaBhahali bodwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uYehu kunye noYonadabhi, unyana kaRekabhi, bangena apho esibingelelweni sikaBhali. UYehu wathetha nabanquli bakaBhali wathi: “Khangelani kungathi kanti apha kukho nezicaka zikaNdikhoyo; kuphela mayibe ngabo banqula uBhali.”