2 Kings 10:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku bakungena ukwenza imibingelelo namadini okutshiswa, wandula u‐Jehu wawamisa ngapandle amadoda angamashumi asibozo, wati: Lowamntu, kuwo onke amadoda endiwazisileyo ezandleni zenu, osindayo, ubomi bake omsindisayo boba sesikundleni sobomi bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bangena ke, baya kwenza imibingelelo namadini anyukayo.UYehu wayezimisele ngaphandle amashumi osibhozo amadoda, wathi, Indoda ethe yasindisa umntu kula madoda, ndiwazisileyo ezandleni zenu, umphefumlo wayo woba sesikhundleni somphefumlo walowo usindileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekungeneni kwabo beza kubingelela imibingelelo namadini anyukayo, uYehu wakhuphela phandle amadoda amashumi asibhozo anamabini, wathi, Xa ithe yasinda indoda kulaa madoda, ndiwazise esandleni senu, othe wayikhulula, umphefumlo wayo woba sesikhundleni somphefumlo wayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bangena ke, benza iminikelo namadini atshiswayo. Ngoku ke uYehu wayemise amadoda angamashumi asibhozo ngaphandle, wathi: “Umntu okhe wabayeka baphuncula aba bantu ndininika bona, uya kubuyekeza ngobomi bakhe.”