2 Kings 10:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, nxa abegqibile ukwenza idini lokutshiswa, wati u‐Jehu kumlisela nakuzo injengele: Ngenani, babeteni, makungapumi namnye. Baza bababeta ngohlangoti lweṙele; kanjalo umlisela nenjengele babaposa pandle, baya esixekweni sendlu ka‐Bali.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, xa abegqibile ukulenza idini elinyukayo, wathi uYehu kwizigidimi nakubaphathi-mikhosi, Ngenani nibabulale;makungaphumi mntu. Babaxabela ke ngohlangothi lwekrele;zabaphosa phandle izigidimi nabaphathi-mikhosi. Zaya enqabeni yendlu kaBhahali,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, akugqiba ukulenza idini elinyukayo, uYehu wathi kwizigidimi nakumadindala, Ngenani nibabulale; makungaphumi mntu. Abaxabela ngohlangothi lwentshuntshe; bawagxotha amadindala namadindala, baya emzini wendlu kaBhahali.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akugqiba ukwenza amadini atshiswayo uYehu wayalela abalindi namagosa, wathi: “Ngenani nibulale konke, kungasali nomnye.” Ngoko ke babanqumla bonke ngekrele. Abalindi namagosa lawo ayiphosa ngaphandle imizimba, wona angena kumagumbi angaphakathi eso sibingelelo sikaBhali.