2 Kings 10:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza uyehova wati ku‐Jehu: Ngenxa yokuba ulungisile ukwenza okufaneleyo emehlweni am, ukuba wenzile kwindlu ka‐Ahabi njengako konke obekusentliziyweni yam, onyana bako besesine isizukulwana baya kuhlala pezu kweterone yakwa‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuYehu, Ngenxa enokuba ulungisile ukwenza okuthe tye emehlweni am, wenza kwindlu ka-Ahabhi njengako konke okusentliziyweni yam: oonyana bakho besizukulwana sesine baya kukuhlalela etroneni yakwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuYehu, Ekubeni wenze okuthe tye emehlweni am, wenza ngako konke ngenxa yendlu ka-Ahabhi njengoko ndakwenzayo entliziyweni yam, ndohlala etroneni oonyana bakho besizukulwana sesine kwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wathi kuYehu: “Ngenxa yokuba wenze kakuhle kangaka, wandikholisa ngokwenza loo nto ndandizimisele kuyo mayela nendlu ka-Ahabhi, ngoko ke iya kude ibe sisizukulwana sakho sesine indlu yakho ilawula kwaSirayeli.”