2 Kings 10:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, yakufika incwadi leyo kubo, batabata onyana bokumkani, babulala amadoda angamashumi asixe̔nxe, babeka intloko zawo ezingobozini, bazitumela kuye e‐Yezerele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, yakufika kubo le ncwadi, babathabatha oonyana bokumkani, babasika bengamadoda angamashumi asixhenxe, bazibeka iintloko zabo ezingobozini, bazithumela kuye eYizereli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yakufika kubo le ncwadi, babathabatha oonyana bokumkani, babulala amadoda angamashumi asixhenxe, bazifaka iintloko zabo ezingobozini, bamthumela eYizereli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ithe ke yakufika loo leta amadoda lawo awathatha onke loo matshawe angamashumi asixhenxe awabulala. Iintloko zawo azifaka ezibhaskitini, azithumela kuYehu eYizereli.