2 Kings 10:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwabekute kwakusa, wapuma, wema, wati kubo bonke abantu: Nina nilungile; bona ke, ndaceba ngakuyo inkosi yam, ndayibulala; kodwa ngubanina obabuleleyo bonke aba?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi kusasa waphuma, wema, wathi kubantu bonke, Ningamalungisa; yabonani, mna ndaceba inkosi yam, ndayibulala;ngubani na ke lo uxabele bonke aba?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngentsasa elandelayo waphuma waza waphakama waza wathi kubo bonke abantu: “Nilungile; yabonani, ndithethile enkosini yam, ndathi, Ndiyibulele; kodwa ngubani obulele bonke aba bantu?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngentsasa elandelayo ke uYehu waphuma, wema phambi kwabo bonke abantu, wathi: “Aninatyala; ndim lo oyenzele iyelenqe inkosi yenu, ndayibulala; kambe ke, ngubani lo ubulele aba?