2 Kings 11:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU u‐Hataliya, unina ka‐Ahaziya, akubona ukuba unyana wake ufile, wandula wesuka wabubisa yonke inzalo yobukumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku uAtaliya, unina ka-Ahaziya, uthe, akubona ukuba unyana wakhe ufile, wesuka wayitshabalalisa yonke imbewu yokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe uAtaliya, unina ka-Akasiya, akubona ukuba unyana wakhe ufile, wesuka wayitshabalalisa yonke indlu yakomkhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAtaliya unina ka-Ahaziya wathi akubona ukuba unyana wakhe ufile, wasuka wayitshabalalisa yonke indlu yakomkhulu.