2 Kings 11:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wamkupa unyana wokumkani, wayibeka ikrone pezu kwentloko yake, wamnika nesinqi̔no; baza bamenza ukumkani, bamtambisa; kanjalo babambata izandla, bati: Makapile ukumkani!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wamkhuphela phandle unyana wokumkani, wamfaka isithsaba wamnika nesingqiniso. Bamenza ukumkani, bamthambisa, babetha izandla, bathi, Makadle ubomi ukumkani!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wamkhupha unyana kakumkani waza wamthwesa isithsaba waza wanikela ubungqina ngaye; bamenza ukumkani, bamthambisa; baza baqhwaba izandla baza bathi: Ngamana uThixo angamsindisa ukumkani!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJoyada waphuma naye unyana kakumkani, waza wamthwesa isithsaba, wamnika umnqophiso obhaliweyo, ebhengeza ukuba ungukumkani. Bamthambisa, baza ke abantu baduma badanduluka bathi: “Phil' ud' ukhokhobe, kumkani!”