2 Kings 11:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wakangela, kekaloku nankuya ukumkani emi pezu kwendawo epezulu, njengokuba isiko belinjalo, nenkosi nabanamaxilongo ngakuye ukumkani; bati bonke abantu belizwe bavuya, bavutela ngamaxilongo. Wandula u‐Hataliya waṙazula izivato zake, wabiza ngokuti: Yingcebiswano, yingcebiswano!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wakhangela, nanko ukumkani emi endaweni ephakamileyo ngokwesiko, nabathetheli nabavutheli ngamaxilongo bengakukumkani; abantu bonke belizwe bevuya, bevuthela amaxilongo. Wazikrazula iingubo zakhe uAtaliya, wakhala wathi, Licebo! Licebo!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi akukhangela, wabona ukumkani emi ngakwilitye lesikhumbuzo ngokwesiko, neenkosana namaxilongo zikunye nokumkani, yaye bonke abantu belizwe babevuya yaye bevuthela amaxilongo; uAtaliya wazikrazula iingubo zakhe, wadanduluka, wathi, Sidengendini!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akukhangela wabona tyhini nanko ukumkani emi ngasentsikeni ngokusesikweni. Amaphakathi nabakhalisi-maxilongo babephahle ukumkani, baye bonke abemi belizwe benemihlali bekhalisa amaxilongo. Ke uAtaliya wasuka wazikrazula izambatho zakhe, wadanduluka wathi: “Uvukelo! Uvukelo!”