2 Kings 11:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bangena bonke abantu belizwe endlwini ka‐Bali, bayicita: izibingelo zake nemifanekiso yake bakolisa ukuziqekeza, no‐Matane umperisite ka‐Bali bambulala pambi kwezibingelo. Wati umperisite kanjalo wamisa abalindi endlwini kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya bonke abantu belizwe endlwini kaBhahali, bayidiliza;izibingelelo zakhe nemifanekiso yakhe bayiqhekeza kwaphela.Bambulala uMatan, umbi ngeleli kaBhahali, phambi kwesibingelelo. Umbingeleli wamisa abaveleli endlwini kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bonke abantu behlabathi baya endlwini kaBhahali, bayidiliza; izibingelelo zakhe nemifanekiso yakhe bayiqhekeza; bambulala uMatan, umbingeleli kaBhahali, phambi kwezibingelelo. Umbingeleli wamisela abagcini bendlu kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bonke abantu belizwe elo ke baya endlwini yokunqula uBhali, bafika bayidiliza. Amaqonga ndawonye nemifanekiso bayintlekeza yaziingceba, baza bambulala umbingeleli kaBhali uMatan apho phambi kwamaqonga. Umbingeleli uJoyada wamisa abalindi apho endlwini kaNdikhoyo.