2 Kings 11:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula watabata inkosi zamakulu, namadindili, nomlisela, nabo bonke abantu belizwe, abehlayo nokumkani kuyo indlu kayehova, beza ngendlela yesango lomlisela endlwini yokumkani. Waza wahlala pezu kweterone yabo okumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabathabatha abathetheli-makhulu, nabancinithi, nezigidimi, nabantu bonke belizwe, behla nokumkani endlwini kaYehova, baya endlwini yokumkani ngendlela yesango lezigidimi.Wahlala ke etroneni yokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathabatha amakhulu abathetheli, nabathetheli, nabagcini, nabantu bonke belizwe; bamhlisa ukumkani, bamsa endlwini kaYehova, bangena ngesango lezigidimi endlwini yokumkani. Wahlala etroneni yookumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJoyada wahamba neengqwayi-ngqwayi zabalindi basebhotwe nabo bakomkhulu, bamxhaka ukumkani ukusuka endlwini kaThixo ukuya komkhulu, belandelwa ngabantu bonke. Bangena ngesango labalindi, waza ukumkani wachopha esihlalweni.