2 Kings 11:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Yehosheba, intombi yokumkani u‐Yorame, udade ka‐Ahaziya, wamtabata u‐Yohashe unyana ka‐Ahaziya, wamba̔ pakati kwonyana bokumkani ababebulewe, wambeka yena nomanyisikazi wake enkambilini yemandlalo: kwa njalo bamfihla ku‐Hataliya, ukuba wabengabulawa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke uYoshebha, intombi yokumkani uYehoram, udade boAhaziya, wamthabatha uYowashe unyana ka-Ahaziya, wamba phakathi koonyana bokumkani ababulawayo, wamsa yena nomondli wakhe egumbini lokulala, bamfihla kuAtaliya, ukuba angabulawa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke uYoshebha, intombi yokumkani uYoram, udade boAhaziya, wamthabatha uYowashe, unyana ka-Ahaziya, wamba phakathi koonyana bokumkani, ababulawayo; bamfihla yena nomondli wakhe egumbini lika-Ataliya, ukuze angabulawa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena uYoshebha, intombi kakumkani uYehoram, engudade boAhaziya wasuka weba uYowashe unyana ka-Ahaziya, wemka naye apho phakathi kweenkosana ezaziza kubulawa, wamfihla neneni yakhe kwigumbi lokulala, emzimelisa kuAtaliya. Ngaloo ndlela ke wasinda ekufeni.