2 Kings 11:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ngomnyaka wesixe̔nxe watuma u‐Yoyada, watabata inkosi zamakulu, ezamadindili nezomlisela, wazingenisa kuye endlwini kayehova, walwenza ucebano nazo, wazifungisa endlwini kayehova, wazibonisa unyana wokumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomnyaka wesixhenxe uYehoyada wathumela, wathabatha abathetheli-makhulu basebancinithini nabasezigidimini, wabazisa kuye endlwini kaYehova. Wabamisela umnqophiso, wabafungisa endlwini kaYehova, wababonisa unyana wokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngomnyaka wesixhenxe, uYehoyada wathumela ukuba kubizwe abathetheli-makhulu nabathetheli bentlanganiso yamatyala, nabalindi, wabazisa kuye endlwini kaYehova, wenza umnqophiso nabo, wabazisa endlwini kaYehova wababonisa ubutyebi unyana wokumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngonyaka wesixhenxe umbingeleli uJoyada wabiza iingqawyi-ngqwayi ezikhokela abalindi basebhotwe nababekomkhulu jikelele, waza wathi maziye endlwini kaThixo, zenze isifungo, zinqophisane ukumxhasa kwinto awayeyicebisa. Wazibonisa uYowashe unyana kakumkani uAhaziya.