2 Kings 11:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naniya kujikelezela ukumkani ngokungqonga, abanye ngabanye benezixo̔bo zabo ezandleni zabo; nalowo ungenayo pakati kwamahlukahluka, makafiswe: nize nibeko nokumkani ekupumeni kwake nasekungeneni kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nimphahle ukumkani ngeenxa zonke, elowo eneentonga zakhe esandleni sakhe; athi ongene ezintlwini abulawe, nibe nokumkani ekuphumeni kwakhe nasekubuyeni kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nimphahle ukumkani ngeenxa zonke, elowo ephethe iintonga zakhe ngesandla; owathi ufika emasimini wobulawa; yiba nokumkani ekuphumeni kwakhe nasekungeneni kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ze nime ningqonge ukumkani, indoda nganye ixhobile. Nabani na othe cakatha makabulawe. Hlalani nikufuphi nokumkani naphi na apho aya khona.”