2 Kings 11:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zaye zisenza inkosi zamakulu njengako konke abeyalele ngako u‐Yoyada umperisite, zatabata ezinye ngezinye amadoda azo, lawo abeya kungena ngesabata, kunye nalawo abeya kupuma ngesabata, zeza ku‐Yoyada umperisite.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Benza ke abathetheli-makhulu ngako konke uYehoyada umbingeleli abewise umthetho ngako. Bathabatha elowo amadoda akhe, angenayo ngesabatha, kunye naphumayo ngesabatha, beza kuYehoyada umbingeleli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Benza ke abathetheli-khulu njengako konke abewise umthetho ngako uYehoyada umbingeleli, bathabatha elowo amadoda akowabo, abemelwe ukungena ngesabatha, nalawo amele ukuphuma ngesabatha, beza kuYehoyada umbingeleli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iingqwayi-ngqwayi zamabutho lawo ke zenza njengoko zaziyalelwe ngumbingeleli uJoyada. Nganye kuzo yemka neqela layo, abo babesebenza *ngoMhla woPhumlo nabo babephumile emsebenzini, bonke baya kumbingeleli uJoyada.