2 Kings 12:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
EBEYIMINYAKA isixe̔nxe u‐Yehohashe ubudala bake, akuba ngukumkani. Ngomnyaka wesixe̔nxe ka‐Jehu waba ngukumkani u‐Yehohashe, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mane e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Tsibiya, owase‐Beresheba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waba ngukumkani uYowashe ngomnyaka wesixhenxe kaYehu; waba neminyaka emashumi mane engukumkani eYerusalem. Ke igama lonina belinguTsibheya waseBher-shebha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waba ngukumkani uYowashe ngomnyaka wesixhenxe kaYehu; waba neminyaka emashumi mane engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguTsibhiya waseBher-shebha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ngonyaka wesixhenxe kaYehu uYowashe waba ngukumkani, waza walawula eJerusalem iminyaka emashumi mane. Unina yayinguZibheya intombi yaseBheshebha.