2 Kings 12:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwabekute, xeshekweni babona ukuba imali etyeyeni ininzi, kwenyuka umba̔li wokumkani nomperisite omkulu, bayibopa, bayibala imali ebifunyanwa endlwini kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kube kusithi, bakubona ukuba ininzi imali emkhombeni, enyuke umbhali wokumkani nombingeleli omkhulu, bayibophe ngengxowa, bayibale imali efunyenweyo endlwini kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi bakubona ukuba kukho imali eninzi kwindawo yokugcina ubuncwane, unobhala kakumkani nombingeleli omkhulu benyuka baza bahlala ezingxoweni baza banikela ingxelo ngemali eyayifunyenwe endlwini kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yayisithi yakuba sisixa imali leyo apho kuloo tyesana, unobhala wasebhotwe kunye nombingeleli omkhulu beze bayibale imali ezisiweyo endlwini kaNdikhoyo, baze bayifake ezingxoweni.