2 Kings 12:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Okuya wenyuka u‐Hazayeli ukumkani we‐Siriya, walwa ngakuyo i‐Gate, wayitimba: wandula u‐Hazayeli wabeka ubuso bake ukuya kunyuka ngakuyo i‐Yerusaleme.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngelo xesha uHazayeli ukumkani wakwa-Aram wenyuka waya kulwa neGati, wayithimba. UHazayeli wabubhekisa ubuso bakhe ukuba enyuke aye eYerusalem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uHazayeli ukumkani wakwa-Aram wenyuka waya kulwa neGati, wayithimba; wajika uHazayeli ukuba enyuke aye eYerusalem.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngeli thuba ke ukumkani wakwa-Aram uHazayeli wahlasela iGati wayithimba. Wabuya ke wahlasela neJerusalem.