2 Kings 12:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko u‐Yehohashe ukumkani wo‐Juda watabata zonke izinto ezingcwele ababezingcwalisile u‐Yehoshafate, no‐Yehorame, no‐Ahaziya, oyise bake, okumkani bo‐Juda, nezake izinto ezingcwele, nayo yonke igolide ebifunyanwa pakati kwendyebo zendlu kayehova nezendlu yokumkani, wazituma ku‐Hazayeli ukumkani we‐Siriya: waza wenyuka engayi e‐Yerusaleme.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wazithabatha uYowashe ukumkani wakwaYuda zonke izinto ezingcwele, ababezingcwalisile ooYehoshafati noYehoram noAhaziya, ooyise, ookumkani bakwaYuda, nezakhe izinto ezingcwele, negolide yonke eyafumanekayo ebuncwaneni bendlu kaYehova nobendlu yokumkani, wazithumela kuHazayeli ukumkani wakwa-Aram; wenyuka ke, wemka eYerusalem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wazithabatha uYowashe ukumkani wakwaYuda zonke izipho ezingcwele, ababezingcwalisile ooYehoshafati, noYoram, noAhaziya, ooyise, ookumkani bakwaYuda, nezipho zakhe ezingcwele, negolide yonke ebikho, nasebuncwaneni bendlu kaYehova. uYehova nendlu yokumkani, wabathuma kuHazayeli ukumkani wakwa-Aram;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke ukumkani uYowashe wakwaJuda wazithatha zonke izinto ezingcwele ezazinikelwe ngooyise – uYoshafati noYehoram noAhaziya, ookumkani bakwaJuda – kunye nezipho ezazinikelwe nguye ngokwakhe, nayo yonke igolide eyafumaneka koovimba bendlu kaNdikhoyo, naleyo yasebhotwe, waza wazithumela kukumkani uHazayeli wakwa-Aram, owathi ke akuzifumana warhoxa eJerusalem.