2 Kings 12:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba u‐Yozakare unyana ka‐Shimehate, no‐Yehozabadi unyana ka‐Shomere, izicaka zake, bambeta, wada wafa; baza bamncw̔aba noyise bake esixekweni sika‐Davide: wati u‐Amatsiya unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYozakare unyana kaShimehati, noYozabhadi unyana kaShomere, abakhonzi bakhe, bamxabela ke, wafa. Bamngcwabela kooyise emzini kaDavide. UAmatsiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bamoyisa ke uYosagare unyana kaShimehati, noYozabhadi unyana kaSomere, abakhonzi bakhe, wafa; yaye bamngcwabela nookhokho bakhe kwisiXeko sikaDavide, waza uAmatsiya unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Loo maphakathi ambulalayo yayinguYozakare unyana kaShimeyati noYozabhele unyana kaShomere. Wasweleka ke, waza ke wangcwatywa phakathi kooyise kwisixeko sikaDavide. Esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uAmaziya.