2 Kings 12:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wada wati u‐Yehohashe kubaperisite: Yonke imali yezinto ezingcwele eziswayo endlwini kayehova, imali yalowo ugqitela kwababalweyo, n emali yeziqu esinye ngesinye njeng okulinganiswa kwaso, nayo yonke imali ekungena entliziyweni yomntu ukuyizisa endlwini kayehova,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYowashe kubabingeleli, Yonke imali yezinto ezingcwalisiweyo, eziswayo endlwini kaYehova, imali yogqithela kwababaliweyo, nemali yomphefumlo walowo nalowo ngokulinganiselwa kwakhe, nemali yonke ekuthe qatha entliziyweni yomntu, ukuba ayizise endlwini kaYehova,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYowashe kubabingeleli, Yonke imali yezinto ezingcwele, eziswayo endlwini kaYehova, nemali yabo bonke abaya kubalela, nemali leyo yabalinganiswa bonke abo, nemali leyo yonke eyabakhoyo entliziyweni yakhe ukuba azise endlwini kaYehova;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYowashe wathetha nababingeleli, wathi: “Qokelelani yonke imali eyiminikelo eziswa endlwini kaNdikhoyo; imali eqokelelwe ngobalo, imali yezifungo zabantu, ndawonye nemali eziswa endlwini kaThixo ngabo bazivayo.