2 Kings 12:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula ukumkani u‐Yehohashe wabiza u‐Yoyada umperisite, n abanye abaperisite, wati kubo: Kunganina ukuba ningazilungisi intanda zendlu? ngako kaloku ningabi ni s amkela imali kubazane benu, koko yinikeleni intanda zendlu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukumkani uYowashe wambiza uYehoyada umbingeleli nabanye ababingeleli, wathi kubo, Yini na ukuba ningazitywini iintanda zendlu? Ke ngoko maningabi sathabatha mali kwabazana nani;yinikeleleni ukutywina iintanda zendlu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani uYowashe wabiza uYehoyada umbingeleli nabanye ababingeleli, wathi kubo, Yini na ukuba ningazitywini iintanda zendlu? uze ungamkeli mali kwabazana nawe, kodwa uyinike abo baphukileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke ukumkani uYowashe wabiza umbingeleli uJoyada nabanye ababingeleli, wababuza wathi: “Ngani ukuba nibe anikawulungisi umonakalo osendlwini kaThixo? Niyabona ke, sanukuba sathatha mali koonondyebo, koko yonke imali yinikezeleni ukuze kuhlaziywe ngayo indlu kaThixo.”