2 Kings 12:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Yoyada umperisite watabata ityeya, wajigija intunja esicikweni sayo, wayibeka ngasesibingelweni, ngecala lasekunene ekungeneni kwomntu endlwini kayehova; baza abaperisite abagcinayo umnyango bafaka kona yonke imali ebiziswa kuyo indlu kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehoyada umbingeleli wathabatha umkhombe, waphehla intunja esicikweni sawo, wawubeka ecaleni lesibingelelo, ngasekunene ekungeneni endlwini kaYehova, ukuze ababingeleli abagcina umbundu womnyango bayibeke khona yonke imali eziswayo endlwini kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehoyada umbingeleli wathabatha ityeya, wagqobhoza umngxuma esiguqweni sayo, wawubeka ecaleni lesibingelelo, ngasekunene ekungeneni komntu endlwini kaYehova; nababingeleli abagcini bomnyango babenayo yonke imali ebiziswe endlwini kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umbingeleli uJoyada wathatha ityesana, wayigqobhoza isivalo, waza wayibeka kwicala lasekunene endlwini kaNdikhoyo kufutshane neqonga, ababingeleli ababegada isango bayigalela kuyo yonke imali eyayisiza nabantu endlwini kaNdikhoyo.