2 Kings 13:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NGOMNYAKA wamashumi mabini anesitatu ka‐Yohashe unyana ka‐Ahaziya ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Yehowahazi unyana ka‐Jehu pezu kwo‐Sirayeli e‐Samariya, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinesixe̔nxe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomnyaka wamashumi omabini anamithathu kaYowashe unyana ka-Ahaziya, ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uYehowahazi, unyana kaYehu, kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka yalishumi elinesixhenxe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngomnyaka wamashumi omabini anamithathu kaYowashe, unyana ka-Ahaziya, ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uYowashe, unyana kaYehu, kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka elishumi elinesixhenxe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngonyaka wamashumi amabini anantathu engukumkani uYowashe unyana ka-Ahaziya ukumkani wakwaJuda, uYowahazi unyana kaYehu waba ngukumkani kwaSirayeli eSamariya. Walawula iminyaka elishumi elinesixhenxe.