2 Kings 13:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nesisalela semicimbi ka‐Yohashe, nako konke abekwenza, namandla ake owabesilwa ngawo ngakuye u‐Amatsiya ukumkani wo‐Juda, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ezinye izinto zikaYehohashe, nako konke awakwenzayo, nobukroti bakhe awalwa ngabo noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ezinye izinto zikaYowashe, nako konke awakwenzayo, namandla akhe awalwa ngawo noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ezinye iziganeko zolawulo lukaYehowashe, imisebenzi nemizabalazo yakhe, ndawonye nemfazwe yakhe noAmaziya ukumkani wakwaJuda, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.