2 Kings 13:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Elisha wabesifa sisifo sake owabuba ngaso. Wandula u‐Yohashe ukumkani wo‐Sirayeli wehlela kuye, walila pezu kwobuso bake, wati: Bawo wam, bawo wam! inqwelo yo‐Sirayeli, nabakweli babo!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku uElisha wayesifa sisifo awayeza kufa siso. Wehla uYehohashe ukumkani wakwaSirayeli, waya kuye, walila phambi kwakhe, wathi, Bawo, bawo, nqwelo yokulwa yakwaSirayeli nabamahashe bakhe!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uElisha wagula ngenxa yesifo awafa ngaso. Wehla uYowashe, ukumkani wakwaSirayeli, waya kuye, walila ebusweni bakhe, esithi, Bawo, bawo, nqwelo yokulwa yakwaSirayeli, nabakhweli bayo!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoku ke uElisha wayegula engazi kuphila. UYehowashe ukumkani wakwaSirayeli waya kumbona, wamlilela esithi: “Tata wam! Tata wam! Nâzo iinqwelo zabamahashe bakwaSirayeli!”