2 Kings 13:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Walekela wati kukumkani wo‐Sirayeli: Beka isandla sako pezu kwaso isipeta. Wabeka ke isandla sake: wati u‐Elisha wabeka izandla zake pezu kwezandla zokumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kukumkani wakwaSirayeli, Sityede isaphetha ngesandla sakho. Wasityeda ngesandla sakhe; uElisha wabeka ezakhe izandla ezandleni zokumkani,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kukumkani wakwaSirayeli, Sibeke isandla sakho kwisaphetha; Wasibeka isandla sakhe phezu kwayo, uElisha wabeka izandla zakhe phezu kwezandla zokumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza uElisha wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Thatha isaphetha sibe sesandleni sakho.” Akusithatha ke, uElisha wabeka izandla zakhe phezu kwezo zokumkani, wathi: