2 Kings 13:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti: Vula ifenstile ngasempumalanga. Wavula ke. Waza u‐Elisha wati: Tola. Watola ke. Wayesiti: Utolo lwosindiso lukayehova, notolo lwosindiso ngakuwo ama‐Siriya; ngokuba uya kubeta ama‐Siriya e‐Afeki, ude uwagqibele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wathi, Vula ifestile ngasempumalanga; wayivula. Wathi uElisha, Tola; watola. Wathi, Huntshu, utolo losindiso lukaYehova! Utolo losindiso oluchase ama-Aram! Uya kutsho ngalo kuma-Aram eAfeki ade aphele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waqhubeka wathi: “Vula ifestile esempuma. Watsho eyivula. Wathi uElisha, Yondla; Kwaye wadubula. Wathi, Lutolo losindiso oluphuma kuYehova, lutolo losindiso oluphuma kuma-Aram;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Vula ifestile engasempumalanga.” Watsho eyivula ukumkani, waza uElisha wathi: “Dubula!” Wadubula ke ukumkani, uElisha wathi: “Nâlo utolo lukaNdikhoyo loloyiso, utolo lokoyisa ama-Aram! Uya kuwoyisa uwatshabalalise ama-Aram eAfeki.”