2 Kings 13:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza indoda katixo yamqumbela kunene, yati: Unga ubetile amaxesha amahlanu umhlaumbi amatandatu; oko ubuya kubeta ama‐Siriya wada wawagqibela; kanti kaloku, uya kuwabeta amaxesha matatu kupela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wesuka umfo wakwaThixo, wanoburhalarhume ngakuye, wathi, Unge utsho izihlandlo zazihlanu, nokuba zithandathu; ukuze ube uya kutsho kuma-Aram ade aphele; useluya kutsho kuma-Aram izihlandlo zibe zithathu kuphela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umfo wakwaThixo wavutha ngumsindo ngakuye, wathi, Unge utsho kahlanu, nokuba kathandathu; wawaxabela ama-Aram wada wawatshabalalisa; kodwa ngoku uya kuwahlasela kathathu ama-Aram.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke umfo wakwaThixo wakhathazeka, wathi: “Ngewubethe kahlanu okanye kathandathu, ukuze ube uloyise walitshabalalisa mpela elakwa-Aram. Ngoku uya kuyoyisa kathathu kuphela.”