2 Kings 13:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, walandela izono zika‐Jerobome unyana ka‐Nebati, owenzayo o‐Sirayeli bone; akapambuka kuzo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenza okubi emehlweni kaYehova, walandela izono zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli;akatyeka kuzo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenza okubi emehlweni kaYehova, walandela izono zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawohlwaya ngazo amaSirayeli; akatyeka kuyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, wasuka wahamba ekhondweni lezono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela uSirayeli kuzo; ewe, yena wathi nca kuzo.